

































Ukuzilungisa Ebusika

88 BONA XHOSA - July 1999
Kuba iintsuku zisiya ziphela ukuya kwiwaka lesibini ieminyaka (2000), akunakuvumeta ukunonophela iinweie zakho nako kuphaphatheke kuba kusebusika.


lcebiso livela kWaREVLON HARI ACADEMY

K
UBA sizilungiselela iwaka lesibini leminyaka (2000)
sekusele nje phantse ikhulu elinemivo leentsuku ukususela ngoku,abanye abaziingcali ekunonopheleni iinwele baya kuphikisa ukuba iinwele zethu kule mihla nobudala abusenampilo njengoko kwakunjalo ekuqaleni kwenkulungwane. Abanye bathi noko zintle kuba kukho iimveliso ezininzi onokuzikhetha kwanezimbo ezifumaneka kule mihla kuthi esingazange sikhe sicinge nokucinga ngazo.

Nakuba iimveliso ezininzi esizifumanayo kule mihla zisivulela kumathuba amatsha, zibangele iinwele zethu zibe nezimbo esasingazazi ngaphambili, kubalulekile xa sizisebenzisa sisoloko sifunda size silandele imiyalelo yenkampani ezivelisayo. Kukwabalulekile ukutyelela rhoqo kwindawo elungisa iinwele apho kugxininiswe kakhulu ekuhlumiseni nasekukhondishineni iinwele.

Njengolusu, ukukhondishina iinwele zakho kutshintsha
nokutshintsha kwamaxesha enyakeni. Iinwele zakho
unokuzikhathalela njani ebusika?

Apha ebusika iinwele zithanda ukoma, zinqunteke zidangale, ingakumbi kwimimandla ebizwa ngokuthi yihighveld kuba umoya womile ngeli xesha lonyaka. Nazi iimpendulo kwiindidi ezintathu neziphambili zeengxaki zeenwele:

1.	UNONOPHELO LWEENWELE ZEMVELO, EZIBREY1IWEYO NEZIPHOTHIWEYO:
Kanye ngeveki faka ishampu kwiinwele emva koko usebenzise ihot oil treatment uyifake itshone.
EMVA KONONOPHELO:
*	KWIINWELE ZEMVELO:
Isitshizi-nwele esiyiGlycerine-based (imveliso oyithandayo)
KWIINWELE EZIPHOTHIWEYO:
lsifumisi esiyiLeave-in strand (imveliso
oyithandayo)

* OKWEENWELE EZIBREYIDIWEYO:
Usenokusebenzisa istrand remoisturising treatment kwiinwele zakho - hayi kwibrading - uze ulandelise ngesifumisi esihlaziya iinwele
2.	UNONOPHELO LWEENWELE EZIPHENYIWEYO
NEZI-S-CURLED:
Zihlambe ngeshampu kube kanye ngeveki usebenzisa
ishampu yeenwele eziphenyiweyo, Iandelisa nge-hot oil moisturising treatment.

EMVA KONONOPHELO:
* LWEENWELE EZIPHENYIWEYO:
Sebenzisa icream curl activator oyithandayo. lNon-drip

gel moisturiser.
* KWIINWELE EZI-S-CUALED:
lCream curl activator enokusetyenziswa endaweni yegel curl activator usebenzise neglycerine spray activator.

3.	UKUNONOPHELA IINWELE EZIRILEKSIWEYO:
linwele zihlambe ngeshampu kanye ngeveki usebenzisa ishampu yexabiso. lnkoliso yeeshampu ezithengiswayo kule mihla inokusetyenziswa naphi na. Nakuba inokucoca iinwele kwangaxeshanye iyazikhondishina.

EMVA KONONOPHELO:
lPink oil moisturiser lotion uze utshintshanise ngeprotein conditioning hairdress.

UNONOPHELO LWEENWELE EZIRILEKSIWEYO NEZITSHINTSHIWE UMBALA:
linwele zihlambe kube kanye ngeveki uze ulandelise ngemveliso ezifumisayo.

EMVA KONONOPHELO:
lPink oil moisturiser lotion kwanehairdressing conditioner.
ISIPHO SAKWAREVLON SOKUNONOPHELA IINWELE.

KwaRevlon baphisa ngama-4O eemveliso zabo ezineRevlon Alpha 5 in 1 Shampoo, iRevlon Special Feeling Pink Oil Moisturizer Lotion kwaneRevlon Special Feeling Moisturizer Spray kubafundi beBona abanethamsanqa. Ukuze ube sethubeni lokufumana enye yezi mveliso zintle, thumela igama Iakho nedilesi apha:
REVLON HAIR-CARE GIVE-AWAY, BOX 205, ISANDO 1600, ukuze libe lifikile kuthi ngaphambi komhla wama-25 kujulayi 1999.
90 BONAXHOSA-July 1999
Zintle
N gokugqibeleleyo
Akukho mfuneko yokuba amabhinqa
aneziqu ezikhulu ane yindinisa -nantsi indlela yokuzilungisa
kufote uEMIL WESSELS
umnxulumanisi nguBULl SIWANI
Ukuba ulibhinqa elityebileyo, yenza isigqibo kobu busika sokuvuselela iimpahla zakho zokunxiba. Ngoxa amabhinqa aneziqu ezincinane enokuzikhethela kwizinto ezininzi ngaphandle
kobunzima, amabhinqa aneziqu ezikhulu angabukeka eqhakazile ekwasestayilini, nokuba aya emsebenzini, ecaweni, emathekweni okanye nje. Nantsi imfihlo lmfihlelo yempumelelo kukukhetha impahla eziza kukwenza ubukeke umncinane. Umzekelo, endaweni yokunxiba iziketi ezithi saa kobu busika, zama ezilungeleleneyo, eziza kwenza ubukeke umncinane kwaye unomtsalane.
Kukwabalulekile ukuthenga iimpahla ezisemgangathweni eziza kuhlala ixesha elide. Musa ukuthatheka ziimpahla ezisefashonini ezingazukuhlala ixesha elide - yonga ngemisiko enokunxitywa amaxesha amaninzi njengehempe entle nesikhafu, enokunxitywa nezinye iimpahla ezintle. lhempe emhlophe apha, isikhafu apho -WOW!
(	Ebonakala emhle kwijakethi nesketi esinavy-blue nesketi sesuti
lhempe, ijakethi nesuti yesketi - kwivenkile zakwaTOPICS jike!ele. lsikhafu - ivenklle zakwaWOOLWORTI-IS flke!ele. Ingqokelela yezihlangu zakwaTJ - iivenklle ZakWaCARNABY jikelele.




Owona mbala ugqwesileyo kweli xesha lonyaka ngumbala ogreyi. llokhwe emfutshane egreyi enxitywa neskhafu esinemibalabala.
llokhwe - efumaneka kwiivenkile zakWaTRUWORTHS jikelele. Isikhafu nomnqwazi - ufumaneka kwiFLEA MARKET yaseBRUMA LAKE, eRhawutini.
lzihlangu ezigreyi - zakwivenkile zakwaEDGARSjike!ele. llkawusi - zakwaSlLKY SILKY.
BONA XHOSA - JuIy 1999 95
UNksk Zodwa Thladi waseBhayi usixelele ukuba uthenge umatshini wokuhlamba oyitwintub, ufuna ukuqonda ukuba unokuwusebenzisa njani ukuze afumane iziphumo ezihle:

Sivuyisana nawe Nksk Thladi, ngoku noko uza kuphumla ekuxikixeni, umatshini uza kuluthwala lonke olo xanduva! IOMO Machine Washing Powder iyilwe ngokukodwa ukuze ufumane iziphumo ezihle koomatshini abaziitwintub, nanga amacebiso alula okuhlamba nanokukunceda:
naluya ekupheleni kweli nqaku.
* Funda incwadi enemiyalelo efunyanwa kulo matshini ukuze wazi indlela yokuwusebenzisa. limpahla zakho zibeke ngokwamalaphu azo nemibala. lmibala ekhanyayo nengakhanyi ungayihlanganisi ndawonye, amalaphu anjengawomqhaphu nawelinen ungawadibanisi kunye nawenaylon, ipolyester, njl.
* Sebenzisa iOMO Machine Washing Powder nenconyelwa ngabavelisi bomatshini. Galela amanzi ebhafini, fafaza iOMO emanzini. Qiniseka ukuba inyibilikile.
limpahla zakho zifake kumatshini, ibe nye ngexesha. lmpahla kufuneka ingene yonke emanzini, ikwazi ukujikeleza lula emanzini.
 Emva kokuyihlamba faka impahla kwicala lomatshini
elinendawo yokukhama amanzi ukuze anogwebu akhameke.
* Yopule kumatshini okanye kwibhatu engekho kumatshini. limpahla ezopuliweyo zifake kwicala lomatshini apho zinokukhanywa khona phambi kokuba uzaneke.
Ukuba uthanda ukuphinda uwasebenzise amanzi obuhlamba ngawo kwezinye iimpahla, hlola ukubona ukuba angcole kangakanani nokuba lusekho kusini na ugwebu. Galela intwana yeOMO. Ungasebenzisi amanzi afanayo kwivasi yesithathu nangaphezulu.
ngoMvulo - ngo-14:00
Radio Xhosa (Umhlobo wenene)
ngolwesiBini - ngo-1 0:00
Radio Ndebele (lkwekwezi FM)
ngolwesiBini ngo-1 0:45
Radio Venda (Phalaphaja FM)
ngolwesiThathu - ngo-9:OO
Radio Lebowa (Thobela FM)
ngolwesiThathu - ngo-1 2:00
Radio Setswana (Motsweding
FM) ngolwesiNe - ngo-1O;40
Radio Swazi (Ligwalagwala FM)
ngolwesiNe - ngo-14:O0
ICEBISO LOBUNONO
Livela kuTheresa Khumalo, Onolwazi Ngononophelo Lolusu

iivenzela Inkcukacha Ezingakumbi, bhal ela uTheresa apha: Du Marc, P.O. Box 37619, Overport, 4067,
IOMO MAilbag
IOMO Mailbag ikucebisa simahla ngeengxaki zevasi. ldilesi yethu nenombolo yefowuni ibhalwe kwipakethi nganye yeOMO. Unokuphulaphula kwiinkqubo zethu eziphuma kunomathotholo, uludwe lwamaxesha ezisasazwa ngawo
Phulaphula i:
Radio Zulu (Radio Ukhozi)
ngoMvulo - ngo-1O:20
Fladio Sesotho (Lesedi FM)
INOBUNONO
IYAMANGALISA
Theresa Endimthandayo
Ndisebenzisa iGentle Magic, elungela ulusu lwam. Ngaba ndinokuyisebenzisa kubantwana bam?
NguB.N., eGauteng
Ewe, kodwa esi .sithambiso sisebenzise ngobunono. kream yeGentle Magic isebenza kakuhle kwirhashalala yabantwana nezilonda ezin,gaxhomis amehlo. Xa siyichaza singathi yicream enobunono, engummangaliso Kodtva le Iotion inokuba namandla kulusu !wabantwana nolubuthathaka, ukuba ufuna ukuse.benzisa ilotion, xuba isiqingatha sayo nesiqingatha samanzt, yithambise ngecotton wool emanzi.

Theresa Endimthandayo
Ndiyindoda. Ndinokuyisebenzisa iGentle Magic? NguO.M., eKapa
Ewe Ulusu Iuyafana kumntu wonke, kuba inkoliso yamadoda ingalukhathaleli ulusu lwawo ithi isengamtyendyana ibukeke iziingweuu. IGentle Magic ikwa!uncedo kuiiziva ekukholelwa kwelokuba zezokutya okunkonkxiweyo, nakwinzikinzane. NgeGentle Magic awubi nebala elimnyama gqitha. Khumbula, abomama bathanda amadoda abukekaqo anolusu oluthambileyo nolumpuluswa.
